CORRIGER LES PAROLES

Paroles : Imibuzo

Uyenza b'hlung' intliziyo yam
Undenza ndizibuz' imibuzo

Ngeliny' ixesha sthandwa sam
Kuba ngathi awulbon' uthando lwam
Ngeliny' ixesha sthandwa sam
Ndiba ngazama, awubon' umzamo wam
Kodwa xa ndingekho phambi kwakho
Uyayazi kuba njani na?
Kuba xa ungekho phambi kwam
Ndiyayazi kuba njani kum

Uyenza b'hlung' intliziyo yam
Undenza ndizibuz' imibuzo
Uyenza b'hlung' intliziyo yam
Undenza ndingalali ebusuku

Usakhumbul' uba, kukh' izithembiso esazenzayo
Phambi komfundisi nabantu?
Kuba wawuthe, uzawuba nami, noba kunjan
Ebuhleni nasebubini
Ndiyamangala xa izaba nguwe lo, ofun' uhamba
Ufun' uthath' intozakh' ugoduke
Ndiyamangala xa izawuba nguwe lo
Ufun' ugoduka
Ngenxa yoba ndingenamali

Uyenza b'hlung' intliziyo yam
Undenza ndizibuz' imibuzo
Uyenza b'hlung' intliziyo yam
Undenza ndingalali ebusuku
Uyenza b'hlung' intliziyo yam
Undenza ndizibuz' imibuzo
Uyenza b'hlung' intliziyo yam
Undenza ndingalali ebusuku

Yeyani?
Yeyani?
Lemibuzo ndinayo ngawe
Yeyani, yeyani na?
Kutheni ndizibuza le mibuzo?

Uyenza b'hlung' intliziyo yam
Undenza ndizibuz' imibuzo
Uyenza b'hlung' intliziyo yam
Undenza ndingalali ebusuku
Uyenza b'hlung' intliziyo yam
Undenza ndizibuz' imibuzo
Uyenza b'hlung' intliziyo yam
Undenza ndingalali ebusuku